Iindaba eziphuma eZambia zithi iya ngokubangcono imeko yokapteni wamhlamnene weChipolopolo nomdlali wasesiswini kwiTP Mazembe uRainford Kalaba. 

Lenzalelwane yaseKitwe, eneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe nedlale iminyaka elishumi elinesithathu kwiTP Mazembe kwelaseDemocratic Republic of Congo (DRC), ingeniswe e-University Teaching Hospital, eLusaka, emva kwengozi yenqwelomafutha ngoMgqibelo weveki egqithileyo.

“Uchacha kakuhle kakhulu uMnumzana uKalaba, kwaye ukwimeko ezinzileyo. Utye okokuqala namhlanje (ngoLwesihlanu), usezingqondweni ngokupheleleyo, kwaye uyakwazi nokuthetha. Kodwa ke, iqela labezonyango lithe gqolo limjonge ngeliso lokhozi. Sizakuthi gqolo sixelela uluntu jikelele ngemeko yakhe,” litshilo igosa lonxibelelwano e’University Teaching Hospital-Adult, uNzeba Chanda, ngokuhlwa kwangoLwesihlanu.

UKalaba wayekwiqela leChipolopolo elaphumelela indebe yamazwe ngamazwe ase-Afrika ngo-2012.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php