Emva kweenyanga ezingaphaya kwezisixhenxe ephumelele intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwelightweight kwicandelo labasetyhini, intshatsheli uBonita van Jaarsveldt uzakukhusela okokuqala ngoMeyi.

UVan Jaarsveldt, owahlutha intshinga kuRaider Muleba eVodaworld eMidrand ngoSeptemba wonyaka ophelileyo, uzakulwa noKholosa Ndobayini, owakhe wayibamba lentshinga, eKliprivierberg Recreation Centre, eKibler Park, eRhawutini ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesine kuMeyi. 

Kuzakufana ngathi uVan Jaarsveldt uzakuba efuna impindezelo emva kokubethwa nguNdobayini, oyinzalelwane yakuQumbu, eMeropa Sun Casino, ePolokwane ngoSeptemba 2021. 

Kwaye ke lo ngumlo wokuqala kaNdobayini kususela waphulukana nalentshinga emva kokubethwa nguMuleba ngokungacacanga eTzaneen ngoNovemba 2022.

Kusenjalo, yiletumente enye le apho uSimangele ‘Smash’ Hadebe ezakulwa noGabriela ‘La Bonita’ Sanchez Saavedra waseMexico kumlo we-International Boxing Federation (IBF) Intercontinental kudidi losiba kwicandelo labasetyhini. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php