Owayesakuba yinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight, uNhlanhla ‘Mount Kilimanjaro’ Tyirha, uphinde watshintsha abaqeqeshi nangona nje okwangoku kusithiwa yinto nje yethutyana. 

Ngoku uTyirha uqeqeshwa nguBaba ‘Babes’ Makala KwaNojoli emva kokuqala unyaka ngaphantsi kwesandla sikaKhangelani Jack. Wasuka kuJack wenjenjeya ukuya eRhawutini eyokuqeqeshwa ngowayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwentambanani uPhumzile ‘Chocolate’ Matyhila.

Lenzalelwane yaseMdantsane yashiya uMatyhila yayokuqeqeshwa nguVusi Mtolo e-Edenvale, Ekurhuleni. Emva koko uTyirha wabuyela ekhaya ngempelaveki yepasika, waze waqeqeshwa nguSimphiwe Vetyeka, owayeyintshatsheli yeWorld Boxing Association (WBA) ne-International Boxing Organisation (IBO) kudidi losiba.

“Ndingaqinisekisa ukuba uTyirha uqeqeshwa KwaNojoli okwangoku,” utshilo iThembelani ‘Shakes’ Hlombe, ongumlawuli kaTyirha. 

UMakala uqinisekise wathi: “Ewe, uTyirha uziqeqesha kunye nathi. Waziswa apha ngumlawuli wakhe uShakes.”

UTyirha akakalwi kususela mhla wabethwa kumjikelo wesibhozo ngummi waseMalawi uGeorge Kandulo e-International Convention Centre (ICC), eMonti, ngoJulayi kulonyaka ophelileyo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php