Ukuba kuluhlu lwabadlali abangabagqatswa bembasa yeSportsman of the Year kwiSouth African Sport Awards lelinye lamathuba alibhongo neqhayiya kwintshatsheli yehlabathi uSivenathi ‘Special One’ Nontshinga.

Lenjinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-flyweight ikhuphisana no-Andrew Birkett kunye nomdlali wamaBhokobhoko u-Eben Etzebeth koluluhlu. 

“Yinto enkulu le, kwaye ifike ngexesha elifanelekileyo njengokuba sivunywa isiphiwo sam nokuzonikela kwam. Ndibulela kakhulu, kwaye ndinebhongo ngempumelelo yam. Ndizakuhlala ndithobekile, ndingumfundi womdlalo wamanqindi,” utshilo uNontshinga.

“Oku kokomntu wonke ondixhasileyo nothe wakholwa kwendinokukwenza. Ndibulela kwiqela elisoloko linam kumaxesha anzima. Umsebenzi wabo onzima nomangalisayo nokuzinikela kwabo awunakulinganiswa, kwaye ungenakuthelekiswa nanto, ndibulela kakhulu.” 

UNontshinga, oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu noyinzalelwane yaseMonti, eMpuma Koloni, ubulela kakhulu kusihlalo weRumble Africa Promotions (RAP) uTeris Ntutu nengqonyela uNomfesane Nyatela ngendima enkulu abayidlalileyo emanqindini akhe.

“Ndibulela iRAP, usisi Nomfesane Nyatela nobhuti Teris Ntutu ngokundinika amathuba amakhulukazi. Kubo bonke abalandeli bamanqindi nakwikhaya lamanqindi, ndibulela ngokungazenzisiyo ngenkxaso yenu,” utshilo uNontshinga. 

Umsitho wokuwonga abaphumeleleyo uzakubanjelwa eSun City, eRustenburg, ngeCawa umhla wesihlanu kuMeyi. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php