Ucweyo ekuthenjwa ukuba luzakukhokelela ekubeni iphuphume inxili kaBoxing South Africa (BSA) ngokufumana imali-nkxaso kwabezoshishino luzakubanjelwa eParktown, eRhawutini, kusasa ngoLwesihlanu.

Ngokokutsho kwegunya eliyintloko kwaBSA uMandla Ntlanganiso, olucweyo yimpendulo kwikhwelo elalihlatywe nguMphathiswa weZemidlalo uZizi Kodwa ngoNovemba wonyaka.

“Sizakube sibonisa ubume bukaBoxing South Africa malunga nalapho esifuna ukuya khona ukubheka phambili. Asisayikuze sikwazi ukuphumelela ngaphandle kokufumana imali-nkxaso. Olucweyo lilinge lokuququzelela amashishini ukuba akhwele enqweleni, axhase amanqindi,” uNtlanganiso utshilo kudliwanondlebe nenkqubo iGame On kwiRadio 2000 ngokuhlwa kwangoLwesithathu.

UNtlanganiso wongeze ngelithi: “Ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kuNovemba ngethuba uMphathiswa weZemidlalo wayebhengeza ibhodi esele yathintelwayo wayibeka yacaca into yokokuba uBoxing South Africa liqumrhu likarhulumente, kodwa uBoxing South Africa kufuneka ezimele.” 

Okwangoku, uBSA uxhomekeke kakhulu kwinkxaso-mali esuka kwiSebe leZemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko ephantse ibezizigidi ezingamashumi amabini. 

“Okwangoku, uBoxing South Africa akanaye nomxhasi omnye, uxhomekeke kwisiphiwo esisuka kurhulumente. Asikwazi ukwenza ngoluhlobo ukuba sifuna ukuwusa phambili lomdlalo,” utshilo uNtlanganiso. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php