Kwisithuba seentsuku ezingaphaya kweshumi elinesine ebonise abalandeli bamanqindi izinto zamehlo, ebakhumbuza ukuba usekhona emanqindini ngethuba enqumamisa uChumani Tunzi kumjikelo wesithandathu, ngoku izinto zibonakala zisiza kakuhle ngakwicala lika-Aphiwe ‘Swagger’ Boyiya.

Lenjinga yamhlamnene kudidi losiba nolwejunior-lightweight eMzantsi Afrika izibandakanye neKay B Promotions, apho imicimbi yokuthelekiswa kwayo izakuphathwa khona. 

Ngaphambi kokuqubisana noTunzi kumlo wentshinga yodidi lwejunior-welterweight eMpuma Koloni, lomfana wase-Amalinda wayegqibele ukulwa ngethuba enqunyanyiswa kumjikelo wesihlanu nguKhaya Busakwe, oyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwelightweight ngoku, ngo-Okthobha 2022.

“Siqukumbele indlela ezakuhanjwa ngu-Aphiwe neqela lakhe kwezinyanga zintandathu,” utshilo umlawuli weKay B Promotions uMzi Booi nangona enganabanga ngakumbi.  

Emva kokubetha kwakhe uTunzi, uBoyiya ungene tshwa kuluhlu lweembethi-manqindi ezikumanqwanqwa eBoxing South Africa (BSA), kwaye ukwindawo yesine ngoku. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php