Eshiyekelwe nje yimpumelelo kumdlalo omnye ukuze angene kwitumente yamazwe ngamazwe ase-Afrika, umqeqeshi weBafana uHugo Broos ugrogrisa ngokulahla emsebenzini ukuba eliqela libethwe kuyo yomibini imidlalo yemfezeko elizakuyidlala ne-Uganda noMzantsi Sudan.

IBafana idlala neeCranes eMandela National Stadium, eKampala, kwelase-Uganda ngentsimbi yesithathu ngoLwesihlanu, iphinde idlale noMzantsi Sudan eCape Town Stadium ngoLwesibini kuleveki ezayo.

“Ukuba sinokubethwa kuyo yomibini lemidlalo, ndakwenjenjeya ukubuyela eBelgium. Ningaqiniseka ngalonto leyo. Ukuba asiphumeleli, ewe i-Uganda kude nekhaya izakubanzima, kodwa umdlalo noMzantsi Sudan ekhaya, ndiyanixelela ukuba ngephanyazo, ndakubamba inqwelo-ntaka yokuqala, ningaphinde nindibone,” uBroos utshilo ngoMvulo.

IBafana kaBroos idinga ukuphumelela umdlalo omnye kwemibini ukuze ingene kwitumente yonyaka ozayo. IBafana iphumelele imidlalo emibini, yadlala ngokulingana kwemibini, logama iiCranes zase-Uganda ziphumelele imidlalo emithathu, zadlala ngokulingana kumdlalo omnye. 

Kusenjalo, uMihlali Mayambela urhoxile kwinkampu yeBafana ngenxa yomonzakalo, kwaye indawo yakhe ithatyathwe nguDevin Titus weStellenbosch FC. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php