UMzuvukile ‘Old Bones’ Magwaza uguquke wabangumqeqeshi ngaphandle kwamagqwidigqwidi, kwaye ubonakala ekonwabela oko.
Lenzalelwane yaseDuncan Village, eMonti, ezinze eSite C, eKhayelitsha, isathe xha ekudlaleni amanqindi emva kokuphumelela imilo engamashumi amabini anesibini, inqumamise amadoda alishumi elinesithathu, yabethwa kwemibini, yaze yalwa ngokulingana kwemithathu.
Kutsha nje, uMagwaza ukhokelele u-Asekho Nocele waseMthatha kwimpumelelo ngethuba enqumamisa uLopez Maluleke kumjikelo wesixhenxe eKapa kulempelaveki egqithileyo.
“Ibeyinguqu elula nehambe kakuhle kakhulu kuba kudala ndaqala ukuqeqesha oogxa bam abaziimbethi-manqindi ndingekasithabathi isigqibo sokuba ngumqeqeshi,” utshilo uMagwaza.
Nangona nje uMagwaza sele eqalile kwikhondo lokuqeqesha iimbethi-manqindi, ugxininisa ngelithi akakayeki ukuba yimbethi-manqindi.
“Andikaxhomi njengembethi-manqindi. Ndisathabathe nje ikhefu. Ndisaziqeqesha njengembethi-manqindi,” utshilo uMagwaza, oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu.
Ukanti, ama ngxi amanqindi kaMagwaza emva kokudutyulwa kwakhe emlenzeni ziindladiya ezaziphanga kwikhaya lakhe eSite C, eKhayelitsha, ebutsheni buka-2018.
Kodwa ke waphila, waze wabuyela emanqindini, evakalisa ukubuya kwakhe ngokunqumamisa uSanele Maduna kumjikelo wesibini ngo-Epreli 2022.
Emva koko, uMagwaza wabethwa okokuqala ngethuba ebethwa yintshatsheli yamhlamnene eMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight uSabelo Ngebiyane. Waze emva kwaloomlo wabetha uNasiphi Mdlangazi.
Kodwa uMagwaza wabethwa okwesibini ngethuba esilwa noBryan Mercado Vasquez waseMexico kwelaseMexico ngo-Okthobha 2023. – Monwabisi Jimlongo