Onke amehlo abalandeli bamanqindi azakube ekuSiyakholwa Kuse kulenyanga nanjengokuba wazibandakanya neBrian Mitchell Boxing Academy esuka e-All Winners Boxing Club kanye nje emva kokubetha uBeavan Sibanda ngoDisemba kulonyaka ophelileyo.

UKuse uzakuqubisana noSamuel Salva wasePhilippines kumlo wakhe wokuqala ngaphantsi komqeqeshi omtsha kunye nabalawuli abatsha. Lo mlo uzakubanjelwa e-Emperor’s Palace, eKempton Park, ngoMgqibelo umhla wamashumi amathathu ananye. 

Kwaye uVusi Mtolo, ongumqeqeshi kaKuse, sele etshilo ukuba abalandeli bamanqindi bazakubona uKuse omtsha xa lenzalelwane yaseMdantsane isilwa noSalva. UMtolo ukwavumile ukuba uKuse akayityeshelanga nendlela abesilwa ngayo eseseMonti.

“Wenza kakuhle kakhulu ekuziqeqesheni. Unamandla ngoku kunangaphambili. Simfundise nokokuba alumke, acophelele emva kokubetha ngamanqindi,” utshilo uMtolo.

“UKuse uyakwazi ukuphuma ngokukhawuleza xa esilwa. Abantu bazakubona uKuse omtsha ngomhla wamashumi amathathu ananye kuMeyi. Kwaye uKuse akayilahlanga landlela yobutsotsi ekuliwa ngayo eMonti. Sifuna aqhubele phambili nayo.” 

UKuse, ozakufinca iminyaka engamashumi amabini anesithandathu ngomhla weshumi elinethoba kuMeyi, uthethe wathi ngomlo wakhe ozayo: “Zininzi izinto ezenzekayo xa siziqeqesha. Ndiyibukele kuYouTube imilo kaSalva, kwaye andiqondi ukuba uzakundinika ingxaki. Uzakufumana umcelimngeni onzima, kwaye ndiwulungele umlo.” 

UKuse uzakuya kulo mlo ephumelele izihlandlo ezisibhozo, enqumamise amadoda amane, ebethwe kabini, waze walwa ngokulingana kumlo omnye. Kwelinye icala, uSalva uphumelele imilo engamashumi amabini ananye, wanqumamisa amadoda alishumi elinesine, ebethwe kabini. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php