Umqeqeshi wamanqindi ozinze eWestbury uBernie Pailman wonelisekile yinkqubela-phambili kaLuyanda ‘Pretty Boy’ Ntwanambe kwaye akangxamelanga ukuba makalwe njengoko kusekho izinto ekusafuneka bezenzile. 

UNtwanambe, oyinzalelwane yaseDuncan Village, akakalwi kwisithuba esingaphaya kweminyaka emine. Wagqibela ukulwa ngethuba wayebethwa nguJackson ‘M3’ Chauke kumlo wentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwempukane eGqeberha ngo-Epreli 2021.

Ubunzima bukaNtwanambe babungaphaya kweekhilogrem ezingamashumi amathandathu anesihlanu ngethuba eqala ukusebenza noPailman, kwaye ngoku sele esebenze nzima kakhulu. Ubunzima bakhe ngoku bungaphantsi kwamashumi amahlanu anesithandathu eekhilogrem, kwaye uPailman uzimisele ukuqinisekisa ukuba uNtwanambe ufikelela kwiqondo lodidi lwejunior-bantamweight.  

“Yonke into ihamba kakuhle. Ubunzima bakhe ngoku bungamashumi amahlanu anesihlanu eekhilogrem, ukusuka kumashumi amathandathu anesibhozo ngethuba sasiqala ukusebenza kunye. Ndifuna ukubehlisa ayokutsho kudidi lwejunior-bantamweight, kwaye sizakubona ukuba asinakukwazi na ukubuyela kudidi lwempukane,” utshilo uPailman.

UNtwanambe ubencedisa uSiyamthanda Wophela ngethuba elungiselela umlo wakhe noMthobeli Quvile. UWophela ubethe uQuvile ngamanqaku eBox Camp Booysens, eRhawutini, kulenyanga ephelileyo. 

“Ndisebenza naye, eziqeqesha iinyanga ezimbini. Wade waziqeqesha encedisa uWophela ngaphambi komlo wakhe. Yena usemendweni omhle kakhulu, kwaye ndiyavuya ngaye,” utshilo uPailman. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php