Emva kokubetha uNhlanhla Tyirha, owayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight eKapa kulenyanga ephelileyo, ngoku uBeaven Sibanda uzakuvana amandla noRichard Garde.
USibanda noGarde wasePhilippines bazakulwelwa isithsaba se-IBF International kudidi lweminimumweight e-Emperor’s Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, ngoJulayi.
Izakuba ngumlo kaSibanda wokuqala kulendawo eseKempton Park ukususela mhla wabethwa nguSiyakholwa Kuse kumlo weWorld Boxing Council (WBC) Silver kudidi lweminimumweight ngoDisemba kulonyaka ophelileyo.
“UBeaven uzakulwa ngoJulayi, esilwa nembethi-manqindi yasePhilippines. Usebenza nzima, eziqeqesha kunye noKuse. Basebenzisana kakuhle kakhulu,” utshilo uVusi Mtolo, oqeqesha uSibanda noKuse.
USibanda uphumelele imilo esibhozo, wanqumamisa amadoda amabini, wabethwa komnye, logama uGarde, intshatsheli yamhlamnene kudidi lweminimumweight kwelasePhilippines, eyimbethi-manqindi ewuchanayo umcimbi nanjengokuba iqondo lakhe lokunqumamisa amanye amadoda liphantse labangamashumi asibhozo anesibini ekhulwini.
UGarde, oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo, uphumelele imilo elishumi elinanye, enqumamise amadoda alithoba, waze wabethwa kwimilo emibini.
Umlo kaGarde wokugqibela bekungethuba ebetha umkhaya wakhe wasePhilippines u-Ariston Aton kwimijikelo esibhozo ngoFebruwari kulonyaka. U-Aton ubebethwe kwimilo elithoba, walwa ngokulingana komnye ngaphambi kokulwa noGarde. – Monwabisi Jimlongo