Emva kokunikela umva uMzantsi Afrika ngokuhlwa kwangoLwesithathu, uLusanda Komanisi ugalelekile eDubai kwelase-United Arab Emirates (UAE), apho azakulwa khona nenzalelwane yaseTajikistan nesele ingummi waseRussia u-Anis ‘The Hunter’ Chilaev eThe Gallery, eMeydan, ngoMgqibelo.

Lo ngumlo wesibini walenjinga yamhlamnene kwi-International Boxing Organisation (IBO) kudidi losiba naseMzantsi Afrika kudidi lwelightweight kungaphelanga neenyanga ezimbini.

UKomanisi wabethwa yimbethi-manqindi yase-Afghanistan uMilad Azizi, ongekabethwa, kumjikelo wesine eMoscow kwelaseRussia ngomhla weshumi elinethoba ku-Epreli, kwaye yayisisihlandlo sesibini enqunyanyiswa njengokuba wanqunyanyiswa kumjikelo wesibini nguKhurshidbek Rasuljonov wase-Uzbekistan e-Ekaterinburg, eRussia, ngoNovemba nyakenye.

Ekuqaleni uChilaev wayezakulwa nowayeyintshatsheli yeWorld Boxing Council (WBC) Asia kudidi losiba uKJ Natuplag, ogama lakhe linguKhurvin Jhon Ballitoc Natuplag, wasePhilippines nozinze eDubai.

UChilaev, oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo nowazalelwa eBunay kwelaseTajikistan, uyiphumelele yolishumi elinesithathu imilo yakhe, enqumamise amadoda asixhenxe.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php