Umqeqeshi kaPhaphama Rhonorhono, uMadoda ‘One More Time’ Dyonase, ukhathazekile emva kokuba ukushokoxeka kwemali kubangele ukuba urhoxiswe umlo, apho imbethi-manqindi yakhe ibizakukhusela intshinga yayo yoMzantsi Afrika kudidi lwewelterweight kuJabulani Makhense.
URhonorhono ebezakuvana amandla noMakhense xa ekhusela intshinga yakhe okokuqala eMalamulele Boxing Hall, eLimpopo, ngoLwesihlanu kuleveki ezayo. Letumente ibizakwenziwa yi-The Angel Promotions ka-Isaac Hlatshwayo.
“Imbi kakhulu lento kum nakwimbethi-manqindi yam kuba sisebenze nzima, silungiselela lomlo,” uvakele esitsho uDyonase.
Kwincwadi ayibhalele iimbethi-manqindi ebezizakulwa kwitumente yakhe, uHlatshwayo uthe: “Kungosizi olukhulu ukuba i-The Angel Promotions ibhengeze ukurhoxiswa kwetumente yamanqindi ebizakubanjwa ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesine kuJulayi eMalamulele Boxing Hall.
“Esi sisigqibo esinzima kakhulu, esilandele emva kokurhoxa ngokungalindelekanga komxhasi waletumente. Njengokuba letumente ibixhomekeke kwinkxaso-mali, kungelishwa ukuba singabinakho ukufumana imali yokuhlawula iimbethi-manqindi ebizakulwa kwakunye nokuhlangabezana nazo zonke izinto ezifunekayo xa kukho itumente.”
Lo ibizakuba ngumlo wokuqala kaRhonorhono, oyinzalelwane yaseMthatha, ukususela mhla wayiphumelela lentshinga emva kokunqumamisa uWasim Chellan kumjikelo wesibini eKapa ngoSeptemba kulonyaka ophelileyo. – Monwabisi Jimlongo