Kwilinge lokuqinisekisa ukuba kuhlala kukho imali, iChippa United izakuthi gqolo ithengisa abadlali bayo ukuze eliqela lizokukwazi ukuhlala likhona, kwaye lisebenza.

Oku kudizwe ngusihlalo weeChilli Boys, uSiviwe ‘Chippa’ Mpengesi, ngethuba ephendula umbuzo omalunga nokuthengiswa kwabadlali kweliqela.

“IChippa United liqela elithengisayo, soze siyifihle lonto. Ukuba umdlali uqaqambile kuphinde kuvele ithuba elingcono, thina asililo iqela elibangumqobo, sime endleleni yempumelelo, sithintele intsikelelo yaloomdlali, kuba sikholelwa ekubeni xa kukho ohambileyo, kubakho omnye ofumana ithuba lokudlala,” utshilo uMpengesi.

Lenzalelwane yaseNgqamakhwe igxininisile ukuba ukuthengisa abadlali akuthethi ukuba yena ukhwebela ukungazinzi kwiqela lakhe.

“Awukwazi ukuthengisa iqela lonke. Umzekelo, unozinti wethu uNwabali (Stanley) ufumene ikhadi lesine, kwaye ngethuba ndikhuthaza unozinti wethu (uDarren Johson) ndithe “Jonga, ndiqinisekile ukuba yintsikelelo kuwe le. Kudala ulidinga elithuba”. Sifuna ukubona uninzi lwababadlali lufumana amathuba,” uMpengesi utshilo.

UMpengesi wongeze wathi: “Andicingi ukuba siliqela elifuna ukuphumelela indebe yeLeague. Siliqela elifuna ukuhlala kwelinqanaba. Kufuneka uwuqonde umbono wethu. Kutheni na lento sikhona njengeChippa United? Mhlawumbi kwiminyaka emibini, emithathu, umbono wethu uzakuguquka kuba ukwala ukuthengisa abadlali kunento yokwenza nesakhono sokufikelela emalini. Xa sithengisa abadlali, loomali siyityala kwalapha eqeleni lethu. Khumbula ukuba kubiza ixabiso elikhulu ukuba neqela lakho.”

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php