Ushiyeke elugcwabevu ngumsindo umqeqeshi wAmaZulu, uPablo Franco Martin, emva kokubethwa ngamanqaku amane kwamabini yi-Orlando Pirates kumdlalo weNedbank Cup eMoses Mabhida Stadium, eThekwini, ngokuhlwa kwangoMgqibelo.

UMartin uthi usompempe uMasixole Bambiso ubaqhathile ngethuba esolatha ibhola emlotheni, waze uPatrick Maswanganyi wafaka inqaku elibuyisele iPirates emdlalweni. 

“Yingxaki le esinayo apha, into yokokuba iziphumo zomdlalo zigqitywe ngabantu abangengobadlali. Lihlazo elikhulu eli, sidlala nelona qela liphambili kukhuphiswano, safikelela kumaqela asibhozo okugqibela okokuqala kwiminyaka elishumi elinambini. Bebengaphezulu kwimizuzu elishumi elinesihlanu yokuqala, sababamba, safaka inqaku,” utshilo uMartin.

“Sisiphumelele isiqingatha sokuqala nkqu nokokuba bekubhalwe into eyahlukileyo ebhodini, siphumelele. Ibingumdlalo ovulelekileyo kwisiqingatha sesibini, umlo omhle. Siye salinganisa, yangamanqaku amabini macala, ibhola yabetha epalini, ngesiwuphumelele apho umdlalo.”

Lommi waseSpain ebeqinisekile ukuba umdlali wasesiswini kwiPirates uMakhehleni Makhaula akakhange enziwe nto nguTaariq Fielies.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php