Indlela azithembe ngayo uRoarke Knapp ngaphambi komlo wakhe noJorge Garcia Perez waseMexico kubonakalisa ulangazelelo lokufuna ukuwuphumelela lomlo ngokuhlwa kwangoMgqibelo.
UKnapp ungquzulana noPerez kumlo wentshinga engenamntu kwi-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwejunior-middleweight kwitumente yeGolden Gloves e-Emperor’s Palace, eKempton Park, Ekurhuleni.
“Ndikholelwa ukuba lixesha lam eli. Ndincame konke ndilungiselela lomlo. Ndilwile neembethi-manqindi zangaphandle iminyaka ebalekayo kunye nezinye ezomeleleyo zalapha ekhaya,” utshilo uKnapp.
UKnapp, oqeqeshwa nguVusi Mtolo, uya kulomlo emva kokuphumelela izihlandlo ezilishumi elinesixhenxe, enqumamisa amadoda alishumi elinambini, wabethwa kanye, waze waphinda walwa ngokulingana kanye.
Kwelinye icala, iPerez unamava, kwaye uphumelele imilo engamashumi amabini anethoba, enqumamise amadoda angamashumi amabini anesine, wabethwa kwimilo emine.
Kusenjalo, enye imbethi-manqindi kaMtolo uShervantaigh Koopman ulwa noWendy Toussaint waseMelika wentshinga engenamntu kwi-IBO Intercontinental kudidi lwejunior-middleweight kumlo ogabulela okaKnapp noPerez. – Monwabisi Jimlongo