IChippa United yaseMpuma Koloni ibhengezile kusasa ngoLwesibini ukuba yongeze abadlali abatsha abane kweliqela ngaphambi kokuqala kwesizini ka-2024/25.

Kwilinge lokuqinisa eliqela, iiChilli Boys zityikitye uBlessing Jali, uThobani Jacobs, uXolani Sithole kunye noSifiso Mazibuko. 

Esisine sizibandakanye neeChilli Boys kanye emva kokuba eliqela elizinze eGqeberha lityikitye u-Andile Jali, uGiovanni Philander no-Aphelele Teto, nto ke leyo eyenza ukuba babesixhenxe abadlali abatsha kweliqela. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php