Mkhulu umdla kumdlalo weToyota Cup phakathi kweKaizer Chiefs nezangxa zaseTanzania iYoung Africans, ozakudlalelwa eFree State Stadium, eBloemfontein, emva kwemini ngeCawa.

Ukubonisa ukuba ngenene nangenyaniso abantu banomdla kulo mdlalo, amatikiti athengwe onke emva kwemini ngoLwesihlanu – iiyure ezingamashumi amane anesibhozo ngaphambi komdlalo. 

Lo mdlalo uzakunika abalandeli bebhola ekhatywayo ithuba lokubona ukuba bangalindela ntoni na kwiChiefs emva kokutyumba ummi waseTunisia uNasredinne Nabi njengomqeqeshi wabo omtsha.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php