Ngamaxesha okuxakeka njengokuba umqeqeshi wamanqindi, ozinze eRhawutini uCollin ‘Nomakanjani’ Nathan epheka iimbethi-manqindi zakhe kwilinge lokuhlasela eJapan kwimilo yeentshinga zehlabathi kulenyanga ezayo.

Iimbethi-manqindi zikaNathan, ezizinzalelwane zaseMpuma Koloni uSivenathi ‘Special One’ Nontshinga noPhumelela ‘The Truth’ Cafu bazakuyokuhlasela kwelaseJapan besilwa neembethi-manqindi zaseJapan.

UNontshinga uzakukhusela intshinga yakhe ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-flyweight xa esilwa noMisamichi Yabuki, owayeyinjinga yeWorld Boxing Council (WBC), e-Aichi Sky Expo Convention Centre eTokoname ngoMgqibelo umhla weshumi elinambini ku-Okthobha. 

Kwiintsuku nje ezimbini ezilandelayo, uCafu, ongekabethwa, uzakucela umngeni kwintshatsheli yeWorld Boxing Organisation (WBO) kudidi lwejunior-bantamweight uKosei Tanaka e-Ariake Arena eTokyo. 

“Sizakuhamba noNontshinga kuqala kulenyanga ezayo. Izakuba ndim, noNontshinga kunye noBernie Pailman, uThembani Gopheni noHayden Jones,” udize watsho uNathan.  

Ukanti, uCafu uzakulandela esiya eTokyo kunye noShannon Strydom, umlawuli weBoxing 5 Promotions uLarry Wainstein noMike Altamura wase-Australia. UNathan, uPailman noJones bayakudibana nabo eTokyo emva komlo kaNontshinga noYabuki. 

“UMike ngomnye wabahlobo bam abasenyongweni emanqindini. Ubuhlobo bethu baqala kwiminyaka engamashumi amabini ananye eyadlulayo. Ungumlawuli ophume izandla,” uNathan utshilo ngethuba ethetha ngo-Altamura. 

UNathan wongeze wathi: “ULarry uzayokubukela uNontshinga. Usuku nje emva komlo kaNontshinga, uLarry, uBernie, uHayden nam sizakukhwela kuloliwe otshawuzayo siye eTokyo ukuze sizokuba kunye noCafu.” – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php