Unozinti, oyinzalelwane yaseGhana, uRichard Ofori, osele kumbovu azibandakanye neqela laseThekwini AmZulu, ubhale incwadi, ebulela kwi-Orlando Pirates.

Lenzalelwane yase-Accra kwelaseGhana neneminyaka engamashumi amathathu yafika kwiiBuccaneers ngonyaka ka-2020, isuka kwiMaritzburg United. 

“Leminyaka egqithileyo ibiyiminyaka yobabalo namandla. Bendingenokungavuyi, kwaye ndandisoloko ndisemandleni kwindawo endandiyibiza njengekhaya lam,” ubhale watsho u-Ofori. 

“Ukuba yinxalenye ye-Orlando Pirates kwazisa imicelimingeni emitsha. Lifikile ixesha lokokuba ndivule isahluko esitsha. Ndifuna ukubulela lonke usapho lwe-Orlando Pirates. Wonke umntu kuquka abaqeqeshi, abezonyango, ibhodi, abaphathi nabadlali.” 

U-Ofori wongeze wathi: “Ibiyiminyaka emine, emnandi kuhambo lwam. Siphumelele, saze sabethwa emidlalweni ngokungengathi ubomi bethu bebuxhomekeke kulonto. Kwandinika amandlakazi amakhulu ukubona iqela labantu lisilwa iveki neveki. Kukhona endikubambileyo, kwaye ndiyakubheka phambili nako. 

“Kubalandeli, abaxhasi, usapho nezihlobo, nonke ninendawo eyodwa entliziyweni yam. Benisoloko ninam kumaxesha amnandi namabi. Enyanisweni ndiyatyondyoza ukunibulela olu. Nonke benizintsika zamandla am. Kusihlalo wam, ndibulela kakhulu. Uye wandivumela ukuba ndikhule njengomdlali nanjengomntu.”

U-Ofori, ozakubhengezwa njengomdlali omtsha ngAmaZulu, uqukumbele ngokuthi uneenkumbulo ezintle zokudlalela eliqela laseSoweto.

“Ndineenkumbulo ezintle nezimnandi ngeliqela. Ndinombulelo osuka emazantsi entliziyo yam, kwaye ndibulela wonke umntu obehamba nam koluhambo. UThixo anisikelele nonke,” uqukumbele watsho u-Ofori. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php