Emva kokuphumelela omnye umlo ngoLwesihlanu, imbethi-manqindi engekabethwa uLwando Mgabi ulibeke latsola elokokuba ukuphumelela kwakhe intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight sisiqalo sezinto ezintle ezizayo.

UMgabi, oyiphumelele yosixhenxe imilo yakhe apho anqumamise khona amadoda amabini, ubethe uSihle Jelwana wakuKomani ngamanqaku ukuze aphumelele lentshinga yoMzantsi Afrika ebingenamntu eSunningdale Sports Complex, eMilnerton, eKapa.

Lentshinga yathiwa xibilili nguPhumelela Cafu emva kokufumana ithuba lokucela umngeni kwintshatsheli yeWorld Boxing Organisation (WBO) kudidi lwejunior-bantamweight uKosei Tanaka eTokyo kwelaseJapan ngoMvulo umhla weshumi elinesine.

“Ndivuya kakhulu ngokuphumelela lentshinga. Ukuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika kukuzalisekiseka kwephupha lam,” utshilo uMgabi.

UMgabi, oneminyaka engamashumi amabini anesithathu noyinzalelwane yaseDuncan Village, eMonti, unyeke ukuqhubela phambili nokuphumelela. 

“Ngoku ndizakulwela intshinga ye-IBF Africa nangona nje ungekabekwa umhla womlo. Kungenzeka ukuba lo mlo ubengoNovemba okanye ngoDisemba. Eliyinene lelokokuba bekufanele ukuba ndilwele intshinga ye-IBF Africa ngaphambi kokuba ndibeyintshatsheli yoMzantsi Afrika,” uqukumbele watsho uMgabi. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php