Emva kokuphanza komlo wakhe noMuhammad ‘Falcon’ Waseem wasePakistan, imbethi-manqindi yaKwaZulu-Natal nengekabethwa uSabelo ‘Mkhonto’ Cebekhulu ngoku uzakulwa noCharlton Malajika. 

Ekuqaleni, uCebekhulu kwakufanele ukuba ulwe noWaseem, oneminyaka engamashumi amathathu anesine, kumlo wentshinga engenamntu kwiWorld Boxing Federation (WBF) kudidi lwentambanani eMalta ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.  

Lomlo waye wamiselwa umhla wesine ku-Okthobha, waphinda wachithwa emva kokuba ilizwe laseDenmark lingakhange linike uWaseem iphephamvume lokundwendwela lwaseYurophu, nto ke leyo eyenza ukuba kubenzima ukuya eMalta, apho lomlo ubuzakubanjelwa khona. 

Ngoku uCebekhulu, oyiphumelele yosixhenxe imilo yakhe engqengqisa amadoda amathathu, ulungiselela ukulwa noMalajika ngeCawa umhla wamashumi amabini anesixhenxe e-Emperor’s Palace, eKempton Park. 

UCebekhulu, oneminyaka engamashumi amabini anesithathu, uya kulomlo noMalajika egqibele ukulwa ngethuba wayenqumamisa uLayten Gloss ngoJulayi nyakenye.  

Kusenjalo, izakuba ngumlo wesine kaMalajika kulonyaka njengokuba sele eyiphumelele emithathu. UMalajika, oneminyaka engamashumi amabini anesithathu, ugqibele ukulwa ngethuba ebetha uLopez Maluleke eRandfontein ngi-Agasti. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php