Ukuzimisela kunye nomnqweno wokuqhubela phambili nokuphumelela zizinto ezizakukhuthaza uMxolisi ‘Nation’ Zuma xa ekhwela eqongeni isihlando sethoba kudidi lwabahlawulwayo kuleveki ezayo. 

UZuma, udubul’egeqa onqumamise amadoda asibhozo, uzakuvavanywa isakhono sakhe samanqindi xa esilwa nembethi-manqindi yaseKenya u-Albert Kimario, ogama lipheleleyo lingu-Albert Kimario Ongoro, ngoMgqibelo umhla weshumi elinambini ku-Okthobha.

Ezimbethi-manqindi zimbini zizakulwela intshinga engenamntu kwi-African Boxing Union (ABU) kudidi lwejunior-featherweight eMoth Hall, eDundee. 

“Simaxhaphetshu silungiselela umlo kunye nomntu esingamazi ncam ngaphandle koko sikubone kuYouTube,” uvakele esitsho uZuma. 

“Kwinto endiyibonileyo, ubonakala eyimbethi-manqindi ewaziyo umcimbi. Kodwa, ndiyathandabuza ukuba uzakukwazi ukumelana nam, kwaye andicingi ukuba uzakuba yingxaki. Ndizakumnqumamisa ukuba likhe lavela ithuba.”

UZuma, oyinzalelwane yaseMpangeni neneminyaka engamashumi amabini anesithandathu, uzinze eDundee apho aqeqeshwa khona nguMtuseni Dube. UZuma wayeliqhawe elikhulu esalwa kudidi lwabangahlawulwayo, kwaye sele ebonakalise isakhono esingummangalisa kudidi lwabahlawulwayo.- Monwabisi Jimlongo

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php