UPhumelela “The Truth” Cafu akakhange achithe xesha emva kokufika eTokyo kwelaseJapan kunye negqiza lakhe ngaphambi komlo wakhe wangoMvulo ozayo, apho azakulwa khona nembethi-manqindi yaseJapan uKosei Tanaka.

Lenzalelwane yaseDuncan Village izakucela umngeni kuTanaka, oyinjinga yeWorld Boxing Organisation (WBO) kudidi lwejunior-bantamweight, e-Ariake Arena, eTokyo. 

UCafu useTokyo kunye nomnye wabaqeqeshi baseHot Box Gym uShannon Strydom, umqondisi weBoxing5 Promotions uLarry Wainstein noMike Altamura wase-Australia. 

“Yonke into ihamba kakuhle, sizinze kakuhle. Mhle umoya kaCafu, nobunzima bakhe bukwimeko entle, kwaye silungele ukothusa ihlabathi,” utshilo uStrydom ngoMvulo.  

UCafu, ongekabethwa nowayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight, ubenocweyo eTeiken Gym kusasa ngoMvulo, ngokwexesha loMzantsi Afrika. UCafu uya kumlo noTanaka emva kokuphumelela kalishumi, enqumamise amadoda asibhozo, waze walwa ngokulingana kwimilo emithathu. 

Kusenjalo, umqeqeshi kaCafu uColin Nathan uzakufika eTokyo ngomhla weshumi elinesithathu emva kokuba intshatsheli ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-flyweight uSivenathi ‘Special One’ Nontshinga elwe noMasamichi Yabuki kumlo wokukhusela intshinga yakhe. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php