Irekhodi elihle likaMasamichi Yabuki, lokuphumelela imilo elishumi elinesithandathu, enqumamise amadoda alishumi elinesihlanu, ebethwe kwimilo emine, aliyoyikisi intshatsheli yehlabathi uSivenathi ‘Special One’ Nontshinga njengokuba usuku lomlo wabo lusiya ngokusondela nje.

UNontshinga uye kwinto ekungathiwa ngumhadi weengonyama eyokukhusela intshinga yakhe ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-flyweight xa esilwa noYabuki e-Aichi Sky Expo Convention Centre eTokoname, eNagoya, kwelaseJapan ngoMgqibelo. 

INagoya kulapho lentshatsheli yamhlamnene kwiWorld Boxing Council (WBC) kudidi lwejunior-flyweight izinze khona. UYabuki, oneminyaka engamashumi amathathu anesibini, wazalelwa eSuzuka.  

“Andinaxhala konke-konke. Sisebenze nzima kakhulu enkampini kwezinyanga zintathu, silungiselela lomlo. Ela rekhodi lelakhe, alinanto yokwenza nam,” utshilo uNontshinga. 

“Nam ndinalo elam irekhodi, eliphantse langamashumi asixhenxe anesihlanu ekhulwini. Uphulukene nemilo, nam ndaphulukana nomlo omnye. Ukuba ubani ufuna ukuba yimbethi-manqindi ephambili kufuneka angene eqongeni alwe neembethi-manqindi eziphume izandla. Inye into endiyaziyo kukuba ndizakuphumelela.”

Imilo emihlanu yokugqibela kaYabuki yaphela msinyane yena ephumelela kwemine, waze wabethwa komnye ngowayeyintshatsheli yeWBC kudidi lwejunior-flyweight uKenshiro Teraji ngoMatshi 2022.

Kusenjalo, uNontshinga, oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu, uzakube eyikhusela okokuqala lentshinga kususela mhla wayibamba kwakhona emva kokunqumamisa imbethi-manqindi yaseMexico u-Adrian Curiel Dominguez kumjikelo weshumi e-Oaxaca kwelaseMexico phantse kwiinyanga ezisibhozo ezagqithayo. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php