Emva kokubetha iimbethi-manqindi ezintathu zaseMpuma Koloni, imbethi-manqindi yaseZimbabwe nengekabethwa uBeaven Sibanda ujonge ukubetha omnye ophuma kweliphondo eliwathanda kunene amanqindi.

Lenzalelwane yaseHarare izakulwa noSiyakholwa Kuse kumlo wentshinga engenamntu kwiWorld Boxing Council (WBC) Silver kudidi lweminimumweight e-Emperor’s Palace, eKempton Park ngoLwesihlanu umhla wesithandathu kuDisemba.

Lo mlo uzakubonisa ukuba ngowuphi na oyimbethi-manqindi ephambili kudidi lweminimumweight phakathi kukaSibanda noKuse. 

USibanda sele ebethe iimbethi-manqindi ezintathu eziphuma eMpuma Koloni – uSiphamandla Baleni, uMthokozisi Ngxaka noSandile Wessels. Ngoku uSibanda unyeke ukongeza uKuse kumaxhoba akhe aseMpuma Koloni. 

“Kuyandivuyisa ukulwela ibhanti yeWBC. Injongo yam kukufumana labhanti nokuba ndilwa nembethi-manqindi yaseMzantsi Afrika okanye eyasePhilippines. Sele ndizibethile iimbethi-manqindi zaseMpuma Koloni, kwaye ndizakuphinda ndiphumelele ngendlela emangalisayo. Abantu bazakuyibona lonto ngomhla wesithandathu kuDisemba,” utshilo uSibanda. 

Lo mlo noKuse, obetha ngamandla, kudala ufunwa ngabalandeli bamanqindi eMzantsi Afrika, kwaye akukho mathandabuzo ukuba uzakulohlula phakathi uluntu lwamanqindi.

Ekuqaleni, uSibanda noKuse babefanele ukuba balwa ngomhla weshumi elinesihlanu kuJuni. Kodwa awuzange wenzeke lo mlo lowo emva kokuba inkampu kaKuse yathi akanakulwa nomntu ongekhoyo kuluhlu lwemibutho emine ephambili ehlabathini. 

Ngoku uSibanda, oyiphumelele yosixhenxe imilo yakhe, enqumamisa amadoda kwemibini, ubekwa kwindawo yeshumi elinesihlanu kuluhlu lweWBC, logama uKuse ekwindawo yesixhenxe. 

Kwelinye icala, uKuse uphumelele imilo esixhenxe, engqengqise amadoda amane, wabethwa kabini, waze walwa ngokulingana kumlo omnye. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php