Imbethi-manqindi yaseJapan uMasamichi Yabuki uhluthe intshinga yommi waseMzantsi Afrika uSivenathi ‘Special One’ Nontshinga e-Aichi Sky Expo Convention Centre eNagoya kwelaseJapan ngoMgqibelo.

UYabuki unqumamise indoda yeshumi elinesithandathu kwimpumelelo yemilo elishumi elinesixhenxe ngethuba ethabatha intshinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-flyweight kuNontshinga kumjikelo wethoba.

EliJapan liwuqale kakuhle umlo, lawusa kuNontshinga kanye emva kokukhala kwentsimbi yokuqala, libetha izithonga ezihlalayo.

Ebebonakala ebuyela emlweni uNontshinga, kodwa wawiswa nguYabuki kumjikelo wesibhozo. UYabuki uphinde wawisa uNontshinga kabini kumjikelo wethoba, nto ke leyo ekhokelele ekubeni awuphelise umlo usompempe uMark Calo-oy enika uYabuki intshinga yakhe yehlabathi yesibini. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php