Umqeqeshi wamanqindi ophume izandla uColin ‘Nomakanjani’ Nathan uzakubuyela ekhayeni lakhe eRhawutini emva kwempumelelo kunye nokubethwa kwelaseJapan. 

UNathan ukhokelele uPhumelela ‘The Truth’ Cafu eloyisweni ngethuba ephumelela intshinga yeWorld Boxing Organisation (WBO) kudidi lwejunior-bantamweight ebetha ngamanqaku uKosei Tanaka waseJapan eTokyo kwelaseJapan ngoMvulo.

Kodwa ke utyelelo lwakhe kwelaseJapan alukhange lubeluhle ncam njengokuba uSivenathi ‘Special One’ Nontshinga ephulukene nesithsaba sakhe se-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-flyweight emva kokunqunyanyiswa kumjikelo wethoba nguMasamichi Yabuki waseJapan ngoMgqibelo. 

“Ndizakubuyela ekhaya ngoLwesithathu ndinamava amnandi nangekho mnandi.  Akukho xa ubethiwe. Kodwa ke uSive  usemtsha, ndizakumthantamisa, ndimbuyise,” utshilo uNathan.

Ukanti wenjenje uNathan xa ebethetha ngoCafu: “UPhumelela ubonakalise ukomelela ngokwasengqondweni. Ubunombona emva komjikelo wesixhenxe, abethwe kuwo, ukuba uye wazimisela emva koko. Beluphakame kakhulu ukhuphiswano. Sibethe umntu obeyintshatsheli izihlandlo ezine, simbethela kowabo.” 

Kusenjalo, uNathan kunye nentshatsheli uCafu, umqondisi weBoxing5 uLarry Wainstein, uShannon Strydom noHayden Bruce bazakubuyela e-OR Tambo International Airport ngoLwesithathu. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php