Awukazo kubakho umlo abalandeli bamanqindi bebecinga ukuba uzakubakhona njengokuba udubul’egeqa uMxolisi ‘Nation’ Zuma kunye nentshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight uSiyabulela Hem behamba iindlela ezahlukeneyo. 

Ekuqaleni bekucingwa ukuba uHem uzakukhusela intshinga yakhe kuZuma, obekwa kwindawo yokuqala eMzantsi Afrika. Kodwa ngoku uHem uzakukhusela kuVusumuzi Ngcamu kulenyanga ezayo.

“Bekufanele ukuba sicela umngeni kuHem, kodwa sigqibe kwelokokuba singayenzi lonto kuba uZuma ulwile ngomhla weshumi elinesibini ku-Okthobha. Ubuzakufika ngokukhawuleza umlo noHem. Ndiye ndajonga eyona nto efanele uZuma, ndaze ndavumela ukuba uHem azikhethele umntu afuna ukulwa naye,” utshilo umthelekisi kaZuma uHlulukwenza Dladla weHlula Dladla Boxing Promotions. 

“Ndisakholelwa ukuba umlo phakathi kukaZuma noHem ubuzakutakisa iintlantsi. Kwaye ndiyacinga ukuba ubungasoze ugqithe kumjikelo wesithandathu. Sisawunxwemile okwangoku.”

UZuma, ophumelele ngokunqumamisa amadoda kuyo yolithoba imilo yakhe, uzakulwa kwitumente kaDladla ngoDisemba.

“Zikhona iimbethi-manqindi eziphumelele iintshinga zehlabathi zingazange zabazinjinga zoMzantsi Afrika. Ndingabalula uSivenathi Nontshinga kololuhlu. Ndizakuba netumente ngomhla weshumi elinesihlanu okanye oweshumi elinesithandathu kuDisemba, kwaye uZuma uzakulwa apho,” utshilo uDladla. 

UZuma, oyinzalelwane yaseMpangeni noneminyaka engamashumi amabini anesithandathu, unqumamise ummi waseKenya u-Albert Kimario Ongoro kumjikelo wokuqala kumlo wentshinga ebingenamntu kwi-African Boxing Union (ABU) kudidi lwejunior-featherweight eMoth Hall, eDundee, kulenyanga ephelileyo. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php