Umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos ubhengeze iqela azakuphinda alicuthe ngaphambi kwemidlalo yokuzibekela indawo kwitumente yamazwe ngamazwe ase-Afrika kulonyaka ozayo.
IBafana izakwenjenjeya ukusingisa kwelase-Uganda, apho izakudlala khona neeCranes ngoLwesihlanu umhla weshumi elinesihlanu kuNovemba. IBafana izakwamkela iSouth Sudan eCape Town Stadium kwiintsuku ezine ezilandelayo.
UBroos, owayeqeqesha ii-Indomitable Lions zaseCameroon, uzakulicutha elinani labadlali abangamashumi amathathu anesibhozo libe ngabadlali abangamashumi amabini anesithathu ngaphambi kokuya kwinkampu kulungiselelwa lemidlalo.
Nali eliqela:
Ronwen Williams (Mamelodi Sundowns), Ricardo Goss (SuperSport United), Sage Stephens (Stellenbosch FC), Sipho Chaine (Orlando Pirates), Nyiko Mobbie (SuperSport), Rushwin Dortley, Bradley Cross (both Kaizer Chiefs), Thabang Matuludi (Polokwane City), Thabiso Sesane, Nkosinathi Sibisi (both Pirates), Khuliso Mudau, Mothobi Mvala, Aubrey Modiba, Grant Kekana (all Sundowns), Fawaaz Basadien (Stellenbosch FC), Siyabonga Ngezana (FCSB), Teboho Mokoena, Bathusi Aubaas (both Sundowns), Jayden Adams (Stellenbosch FC), Sinoxolo Kwayiba (Chippa United), Thalente Mbatha (Pirates), Luke le Roux (IFK Varnamo), Ndamulelo Maphangule (Polokwane City), Sipho Mbule (Sekhukhune United), Evidence Makgopa, Patrick Maswanganyi, Tshegofatso Mabasa, Relebohile Mofokeng (all Pirates), Devin Titus, Ashley Cupido (both Stellenbosch FC), Oswin Appollis (Polokwane City), Iqraam Rayners, Thapelo Morena (both Sundowns), Mihlali Mayambela (Aris), Percy Tau (Al Ahly), Elias Mokwana (Esperance), Yanela Mbuthuma (Richards Bay FC), Bongokuhle Hlongwane (Minnesota).