Kwilinge lokuvuselela ikamva lakhe emanqindini, intshatsheli yamhlamnene eMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight u-Ayabonga ‘Jay Jay’ Sonjica uzakuzivuthulula abuyele eqongeni ngoMatshi emva kokungalwi isithuba esingaphaya kweminyaka emibini.

USonjica, oyinzalelwane yaseDuncan Village, uzakulwa nowayeyinjinga yeWorld Boxing Federation (WBF) kudidi lwejunior-featherweight uThato Bonokoane kwimijikelo emithandathu eRhawutini ngoMgqibelo umhla weshumi elinesihlanu kuMatshi.

Umlo kaSonjica noBonokoane uzakuba yinxalenye yetumente yokuqala yabathelekisi abatsha i-Aquila Boxing Promotions (ABP).  

“Ewe, uSonjica uzakulwa ngoMatshi nangona nje engekasityikityi isivumelwano somlo,” utshilo umthombo we-Ink Sport ngoLwesithathu.

USonjica akakalwi kususela mhla wanqunyanyiswa kumjikelo wesithandathu ngowayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight uBongani ‘Wonderboy’ Mahlangu e-Orient Theatre, eMonti, ngoJulayi 2022.

Lomfana wakwaSonjica, oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu, uzakulwa noBonokoane onxanelwe impumelelo emva kokubethwa kwimilo yakhe emithathu yokugqibela. UBonokoane wabethwa nguKalolo Amiri waseTanzania kunye neembethi-manqindi zaseNamibia uMateus Heita noFilipus Nghitumbwa. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php