Awusekho umlo phakathi ko-Aphiwe Boyiya noSipho Mahlangu ebebesele benento engaphaya kweenyanga ezimbini bewulungiselela.

Lomlo obucetyelwe ukuba ubengowentshinga yoMzantsi Afrika engenamntu kudidi lwejunior-welterweight nobuzakubanjelwa e-Orient Theatre, eMonti, uchithwe emva kokuba uBoxing South Africa (BSA) ethe ayisenguwo owentshinga.

“Yinto ebingalindelekanga ke le. Asilahlekelwanga nto, noBoyiya akalahlekelwanga nto. Useza kuyilwela intshinga,” uphefumle watsho uLonwabo Witbooi, ongumlawuli nomqeqeshi kaBoyiya.

“Yenye nje yezinto ezenzekayo xa uthabatha isigqibo esinzima nesikwasesobulumko. Usakhuselekile u-Aphiwe, silindele umthelekisi asixelele ukuba ithini na indlela ebheka phambili. Sihleli phantsi sisonke kunye nomthelekisi sagqiba kwelokokuba masingabeki uBoyiya emngciphekweni. Siye sanyanzeleka ukuba sicingele ixesha elizayo endaweni yokubeka yonke into emngciphekweni. UBoyiya usemandleni, kwaye uyiqonda yonke into eyenzekayo.” 

Iingxaki ziqale ngethuba abaphathi bakaSibusiso Zingange, okwindawo yesibini kuluhlu lweembethi-manqindi, besala ukubhala incwadi yokuthi gu bucala ukuze uBoyiya alwe noMahlangu, okwindawo yesibhozo, kumlo wentshinga. 

UMzi Booi weKay B Promotions watyikitya uBoyiya noMahlangu ukuba balwele lentshinga engenamntu ngethuba uZingange wayezakulwa noTalent Baloyi, owambetha kwiinyanga ezimbini ezigqithileyo.   

Ukuchithwa komlo kaBoyiya noMahlangu kukhokelele ekubeni umlo ka-Amzolele Dyeyi noSimamkele Singile ibenguwo ozakugabulela izigcawu umlo wentshinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba phakathi kwentshatsheli ekhuselayo uZolisa Batyi noLindelani Sibisi.

UBatyi sele ekhusele intshinga yakhe izihlandlo ezine ukususela mhla wayiphumelela ngokunqumamisa uJeff Magagane kumjikelo wesibini ngoDisemba 2022. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php