Inzalelwane yaseThekwini nengumdlali wasesiswini uMiguel Timm uqinisekiswe njengomdlali omtsha kwiSekhukhune United kusasa ngoLwesihlanu.
Lomdlali onamava noneminyaka engamashumi amathathu anesithathu uzibandakanye neBabina Noko emva kokudlala iisizini ezintathu kwi-Orlando Pirates.
UTimm ngumdlali wesithathu ukuzibandakanya neBabina Noko kwisithuba seentsuku ezimbini. IBabina Noko ibhengezile ngoLwesine ukuba ityikitye owayeyifolosi yeSuperSport United uBradley Grobler kunye noSphiwe Mahlangu, osuka kwiTS Galaxy.