Emva ngokutyikitya u-Etiosa Ighodaro kusasa ngoLwesibini, iKaizer Chiefs iqinisekise ukuba ityikitye uLuke Baartman ngokuhlwa kwangoLwesibini.

UBaartman uzibandakanye neChiefs esuka kwiCape Town Spurs, apho ebedlala khona kwiMotsepe Foundation Championship (MFC) kwisizini ephelileyo. UBaartman, odlalele ilizwe loMzantsi Afrika kumazinga asezantsi, ngumdlali wethoba ukutyikitywa yiChiefs.

“Sivuya kakhulu njengokuba sisamkela uLuke kwiqela lethu. Ungumdlali oselula ekukudala simjongile kwezisizini ezimbalwa ezigqithileyo. Besimjongile kwiqela lakhe nakwindebe yeBayhill, apho wabangumdlali ophambili wetumente. Sikholelwa ukuba uzakuzinikela, edlala njengefolosi nasephikweni. Asisakwazi ukulinda, simbone edlala,” utshilo uKaizer Motaung Junior, ongumqondisi weChiefs.

UBaartman, oneminyaka elishumi elinethoba, uzibandakanye neChiefs emva kokuba ikomiti yembambano kwiPremier Soccer League imkhululile ngoLwesibini.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php