Izangxa zaseTanzania iSimba SC zibhengeze ukutyikitya kwazo uNeo Maema evela kwiintshatsheli zeBetway Premiership iMamelodi Sundowns ngokuhlwa kwangoLwesine.
UMaema, obengukapteni weBafana Bafana kwitumente yeCHAN esaqhubela phambili eMpuma Afrika, ukhululwe yiSundowns kutsha nje.
Lomdlali wasesiswini, oneminyaka engamashumi amabini anethoba, uchithe iisizini ezine kwizangxa zaseTshwane emva kokuzibandakanya nazo esuka kwiBloemfontein Celtic ngo-2021.