UDevin Titus utyikitye isivumelwano sengqesho esitsha neqela laseCape Winelands, iStellenbosch FC, kusasa ngoMvulo.
“IStellenbosch FC yanelisekile kukuqinisekisa ukuba uDevin Titus utyikitye isivumelwano sengqesho sexesha elide neliqela,” sitshilo iStellies.
UTitus, osele edlale imidlalo engaphaya kwekhulu elinamashumi amahlanu kwiStellies, uthe: “IStellenbosch FC liqela elindinike ithuba lokulandela iphupha lam lokuba ngumdlali ohlawulwayo, kwaye ndiyavuya njengokuba ndityikitye isivumelwano esitsha apha.
“Ndibulela ngokungazenzisiyo kweliqela nakubo bonke abaqeqeshi, abasebenzi nabadlali abandinike eliqonga lokubonakalisa isiphiwo sam, ngethemba lokokuba kuninzi okuzayo kuleminyaka embalwa ezayo.”
UTitus waqala ukudlala kudidi lwabahlawulwayo ngethuba eneminyaka elishumi elinethoba. IStellies sasidlala neBlack Leopards ngo-2021.
Lomfana, oneminyaka engamashumi amabini anesine, wayeyinxalenye yeqela elaphumelela indebe yeCarling Knockout kwisizini ka-2023/24.
UTitus wanceda iStellies safikelela kwimidlalo yamagqibela kankqoyi eMTN8 iisizini ezimbini zilandelelana. Waphinda wanceda iStellies ukuba sifikelele kwimidlalo yeCAF Confederation Cup iisizini zilandelelana.