Kazie Godswill Enyinnaya of Stellenbosch FC vies for the ball with Relebohile Mofokeng of Orlando Pirates during the Betway Premiership 2025/26 game between Stellenbosch FC and Orlando Pirates at Athlone Stadium on 5 May 2026 © Nic Bothma/BackpagePix

I-Orlando Pirates ifake iMamelodi Sundowns, ephezulu kumanqwanqwa eBetway Premiership, ngaphantsi koxinezelelo emva kokubetha iStellenbosch FC ngamanqaku amabini eqandeni e-Athlone Stadium, eKapa, ngokuhlwa kwangoLwesibini.

IiBuccaneers ziphale phambili ngenqaku lika-Evidence Makgopa kumzuzu wamashumi amane anesibini kwibhola ebivela kuPatrick Maswanganyi. Kuthe xa kanye usompempe ezakuvuthela impempe yakhe esithi makuyokuphunyulwa, uMaswanganyi wafaka inqaku lesibini lePirates emva kokunikwa ibhola nguRelebohile Mofokeng.

Kusenjalo, iSiwelele FC sibambene neDurban City ngamanqaku amabini macala komnye umdlalo weBetway Premiership obubanjelwe eDr Molemela Stadium, Mangaung.

ICity yophise kuqala ngenqaku likaJean Lwamba Lubumba kumzuzu wesixhenxe uqalile umdlalo. UBohlale Ngwato ufake elokulinganisa kwimizuzu emithandathu elandelayo. 

ISiwelele siphale phambili okokuqala kulomdlalo ngethuba uGhampani Lungu efaka inqaku ngomzuzu wamashumi amahlanu anesibhozo. Kuthe kusenjalo uLwamba Lubumba wafaka inqaku lakhe lesibini kulomdlalo ngomzuzu wamashumi asixhenxe anesithandathu.  

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php