Owayeyintshatsheli yehlabathi uVuyani ‘The Beast’ Bungu kunye noPhila ‘Mapetla’ Mzamo bazakukhokelela u-Aphiwe ‘Swagger’ Boyiya edabini xa esilwa noKutlwano Ogaketse ngoLwesihlanu.
UBoyiya, owaphumelela iintshinga zoMzantsi Afrika ezimbini, uzakulwa no-Ogaketse kumlo wentshinga engenamntu kwi-International Boxing Organisation (IBO) All-Africa kudidi lwejunior-welterweight eGrand Palm Hotel and Casino eGaborone kwelaseBotswana.
“Siyahamba ngoLwesithathu. Sizakuhamba noBungu kunye noMapetla,” uphefumle watsho uKholisile ‘KC’ Cengani, ongumlawuli kaBoyiya.
UBungu, owayeyinjinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-featherweight ne-IBO kudidi losiba, noMapetla bazakubasekoneni kaBoyiya njengokuba engazokubakho umqeqeshi wakhe uLonwabo Witbooi.
UWitbooi bekufanele ukuba uya eGqeberha apho ebekuzakukhokela uHlumelo Gingxana xa esilwa nenzalelwane yaseKnysna uMbuyiseli Ndukwana ngoMgqibelo waleveki. Kodwa lomlo lowo, ozakubanjelwa eNelson Mandela Bay Stadium, umiselwe uMgqibelo weveki ezayo.
Kusenjalo, uBoyiya, oyintshatsheli yamhlamnene eMzantsi Afrika kudidi losiba nolwejunior-lightweight, uzakulwa okokuqala ukususela mhla wabetha uLindokuhle Dlamini ngamanqaku e-Orient Theatre, KuGompo City, ngoNovemba 2024. – Monwabisi Jimlongo