ISekhukhune United ibhengezile emva kwemini ngoLwesibini ukuba umdlali wasemva, uNyiko Mobbie, utyikitye isivumelwano sengqesho esisigxina njengokuba ebekhe wadlala kweliqela ngokwemboleko esuka kwiMamelodi Sundowns.

Lenzalelwane yaseXikundu, eMalamulele, neneminyaka engamashumi amathathu ananye, ikhe yayidlalela iBabina Noko phakathi ko-2021 no-2024 ibolekwe kwizangxa zaseTshwane.

“ISekhukhune United Football Club ichwayitile kukwamkela uNyiko Mobbie njengokuba ebuyele kwiBabina Noko ngokusisigxina,” itshilo iBabina Noko.

“Umdlali wasemva onamava, uMobbie ubuya namava okudlala kwimidlalo yamazwe ngamazwe, ezokuqinisa iqela kanye ngaphambi kokuqala kwesizini yeBetway Premiership ka-2026/27. Wonke ubani kwiSekhukhune United wamkela uNyiko ngezandla ezishushu njengokuba ebuyele kwiBabina Noko, kwaye unqwenelelwa impumelelo yodwa kwakhona.”

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php