Iqela elizinze eNaturena, iKaizer Chiefs, iqinisekisile emva kwemini ngoMvulo ukuba umdlali wasesiswini, eyinzalelwane yase-Uruguay, uGaston Sirino, ulishiyile eliqela.
“Amakhosi athi ndlelantle kuSirino. Njengokuba iKaizer Chiefs isithi ndlelantle kuGaston Sirino, eliqela lithanda ukwenza umbulelo ongazenzisiyo kuPapi ngokuzinikela kwakhe negalelo lakhe kwezisizini zimbini zigqithileyo,” atshilo Amakhosi.
“Esisisele senyathi somdlali wasesiswini wase-Uruguay udlale indima enkulu, enceda Amakhosi kwimpumelelo ukususela mhla wafika kweliqela. Sibulela uGaston ngokuzinikela kwakhe kunye nernkumbulo azishiye ngemva eNaturena.”
USirino, oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu, udlale imidlalo engamashumi amahlanu anesibini, waze wafaka amanqaku amahlanu ukususela mhla wazibandakanya neChiefs evela kwiMamelodi Sundowns kwiminyaka emibini egqithileyo. Kulindeleke ukuba uSirino amanyane noKhalil Ben Youssef, owayeqeqesha iChiefs.