Iqela lebhola ekhatywayo nelizinze kwiCape Winelands, iStellenbosch FC, iqinisekisile emva kwemini ngoLwesihlanu ukuba uQobolwakhe Sibande ubuyile.
“IStellenbosch FC siyavuya ukubhengeza ukutyikitya uQobolwakhe Sibande, obuyele kweliqela. USibande, owaqala ukudlala kwiStellenbosch FC, ubuyele kweliqela laseCape Winelands ngaphambi kokuqala kwesizini ka-2026-27 emva kokuzibandakanya neeMaroons ngemboleko evela kwiqela elidlala kwi-Egyptian Premier League, iPetrojet SC,” sitshilo iStellies.
USibande uphefumle wathi: “Ndichwayite kakhulu ukubuyela kwiStellenbosch FC. Ndiye ndavuya kakhulu xa benditsalela umnxeba. Andikhange ndikholelwe ekuqaleni, kodwa ndibonile ukuba lithuba elihle kakhulu ukubuyela ekhaya.”
USibande washiya iStellies wayokuzibandakanya ne-TS Galaxy ngo-2024 ngaphambi kokutyikitya nePetrojet, apho wadlala khona imidlalo elithoba.