Category: Boxing

UMAMA JOY PHAKATHI TSHWA EMANQINDINI  

Umthandi nomlandeli wezemidlalo uJoyce ‘Mama Joy’ Chauke ulibeke lacaca elokokuba akazukuyinikela umva ibhola ekhatywayo njengokuba esisa inkxaso yakhe kwintshatsheli uSimangele ‘Smash’ Hadebe. Kungoku nje, uChauke sele engumlandeli omkhulu kaHadebe, oyinjinga…

‘NDIZAKUMBETHA NDIMWISE’ – BALENI 

USiphamandla ‘Toytoy’ Baleni ukholelwa kwelokokuba umntu okhethe yena ukuba alwe nommi waseZimbabwe uBeaven Sibanda, ongekabethwa, ngoJuni wenze impazamo enkulu. Lenjinga yoMzantsi Afrika yamhlamnene, ezakulwa noSibanda kwimijikelo esibhozo e-Emperor’s Palace, eKempton…

UDYEYI UYALWA KULENYANGA EZAYO

Izinto zihamba ngokukhawuleza kwinzalelwane yaseMdantsane u-Amzolele ‘Globe’ Dyeyi njengokuba sele uqinisekisiwe umhla azakulwa ngawo okokuqala kudidi lwabahlawulwayo emva kokunikela umva iMonti esiyokuzinza eGauteng kuleveki. UDyeyi, ophumelele imbasa yesilivere kwitumente yeMandela…

UBALENI UZAKUQUBISANA NOSIBANDA 

Igqala uSiphamandla ‘Toytoy’ Baleni uzakulwa okokuqala ekhaya kwisithuba esingaphaya kweenyanga elishumi elinesithandathu xa etshintshiselana ngezithonga nembethi-manqindi yaseZimbabwe engekabethwa uBeaven Sibanda ngoJuni. UBaleni, owakhe wayinjinga yoMzantsi Afrika, noSibanda bazakulwa kumlo onemijikelo…

UDYEYI UFUDUKELE EGAUTENG 

Kwiintsukwana ezimbalwa emva kokuphanza kwelinge lakhe lokuphumelela imbasa yegolide kwitumente yeMandela African Boxing Cup eThekwini, u-Amzolele ‘Globe’ Dyeyi, obenguPhopho kudidi lwabangahlawulwayo, wenjenjeya ukusingisa eGauteng. UDyeyi, obeqeqeshwa nguZolile ‘Gqo’ Mahambi eMdantsane,…

css.php