Umqeqeshi we-Orlando Pirates, uJose Riveiro, uphefumlile ngomothuko wokubona omnye wabadlali bakhe esiwa isiduli ebaleni ngokuhlwa kwangoMgqibelo.

Umdlali wasesiswini kwiPirates, uMakhehleni Makhaula, wothuse abantu abaninzi ngethuba esiwa isiduli ekuzeni kuphela kwesiqingatha sokuqala somdlalo weNedbank Cup phakathi kweeBuccaneers neHungry Lions e-Orlando Stadium, eSoweto.

“Ibingumzuzu owothusayo. Ibiyenye yeemeko esidla ngokuzibona kumabonakude. Namhlanje, ibiyiloomini yokokuba sizivele ngokwethu oko. Bekungekho mnandi. Sibulela koogqirha nabancedisi bobugcisa. Ndicinga ukuba bakwazile ukumzinzisa kuba ibingumzuzu onzima lowa,” utshilo uRiveiro.

Imeko kaMakhaula, oneminyaka engamashumi amathathu anesine, izakubekwa esweni ngoogqirha kwilinge lokuqinisekisa ukuba uzakuphila qete.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php