Indlela abazithembe ngayo uZolisa Batyi noLucky Hobyane yenza into yokokuba kubenzima ukuphoswa ngumlo wabo ozakubanjelwa e-Orient Theatre, eMonti, ngeCawa. 

UBatyi ukwilinge lokuqinisekisa ukuba uyikhusela ngempumelelo intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi losiba. UBatyi waphumelela lentshinga ngethuba enqumamisa uJeff Magagane kumjikelo wesibini ngoDisemba ka-2022. 

“Ayiyindawo lebhanti, yibhanti yam le. Soze ndizokubethelwa ekhaya mna,” utshilo uBatyi. 

UHobyane, owazalelwa eMalamulele eLimpopo, uthethe wathi: “Andizangokudlala apha. Ndizokuthabatha intshinga yaseLimpopo, ndiyibuyisele ekhaya.”

Kusenjalo, imilo emithathu irhoxisiwe emva kokurhoxa kweembethi-manqindi ebizakulwa no-Okuhle Mthi, Thapelo Bokwe noSiphosethu Mvula.  

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php