Ngokuqinisekileyo ibingenguwo umlo apho umntu ebenokuncoma kakhulu, kodwa injinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba uZolisa Batyi uwenzile umsebenzi njengokuba enqumamise uLucky Hobyane kumjikelo wesibhozo.

Emva kokubukela imilo ebinikisa umdla ngaphambi komlo ophambili, abalandeli bamanqindi ebebeze e-Orient Theatre, eMonti, bangaxolelwa ukuba bangaziva beqhathiwe ngenxa yendlela ubuyiyo umlo kaBatyi noHobyane.

Kodwa yena uBatyi uyakoneliseka yinto yokokuba ekhusele intshinga yakhe isihlandlo sesibini njengokuba usompempe u-Allen Matakane emise lomlo kwimizuzu emibini nemizuzwana engamashumi amahlanu anesibhozo.

Kusenjalo, uChumani Tunzi yintshatsheli entsha kudidi lwejunior-welterweight eMpuma Koloni emva kokunqumamisa uLuvuyo Mputi kwimizuzu emibini nemizuzwana esibhozo kumjikelo wesithandathu.

Lomlo ngowuye nakweliphina icala ngendlela ebezibethana ngayo ezimbethi-manqindi zimbini. UTunzi uye wavuka othulini izihlandlo ezimbini kumjikelo wesibini, waze naye wawisa uMputi kujimkelo wesithandathu.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php