UThabo September akawuvali umlomo ngendlela adlala ngayo umdlali wasemva kwiChippa United, uGadinkame Malebogo Modise, emva kokuphumelela imbasa yokuba ngumdlali ogqwesileyo isihlandlo sesithathu kuzo zonke iitumente.

UModise uphumelele imbasa yokuba ngumdlali ogqwesileyo ngethuba iiChilli Boys ziquthisa iTS Galaxy ngamanqaku amabini eqandeni kumdlalo wamaqela asibhozo okugqibela kwiNedbank Cup eMbombela Stadium, eNaspoti, emva kwemini ngeCawa. 

“Mhle kakhulu xa kuyiwa phambili. Silungisa indlela avingca ngayo emva. Ukuba unokudibanisa ezo zinto, ungumdlali omhle kakhulu. Uvingce amazibuko ngendlela entle kakhulu, ndinebhongo ngaye,” utshilo uSeptember, obambe ilima njengomqeqeshi kwiiChilli Boys. 

“Siyazi malunga nokuhlasela kwakhe. Kuhle kakhulu ukumbona esebenza elungisa indlela avingca ngayo emva, ekhula ngomdlalo nomdlalo. Angakhula ukususela apha.” 

Lenzalelwane yaseMahikeng, eneminyaka engamashumi amabini anesihlanu, ikwiiChilli Boys ngemboleko isuka kwiintshatsheli ezikhusela indebe yeDStv Premiership, iMamelodi Sundowns. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php