Kubonakala ingeyongxaki kuZolisa Batyi, oyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi losiba, ukumka komqeqeshi wakhe uKhangelani Jack esiya eGauteng. 

Oku kuthethwe yilenzalelwane yaseNxarhuni njengokuba uJack enikele iMonti umva wazibandakanya neMcAusland Boxing Gym eGauteng kuleveki ephelileyo. Okwangoku uBatyi uzakuqeqeshwa ngumalume wakhe okwangumphathi wakhe uBaba ‘Babes’ Makala.  

“Ayikho into eguqukileyo malunga nokuziqeqesha nokulungisela imilo yam. Umalume wam uzakuqhubela phambili nokundiqeqesha xa ndilungiselela imilo yam kwanjengokuba bekunjalo kumlo wam wokugqibela,”utshilo uBatyi.

Kulindeleke ukuba uBatyi akhusele intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kuYamkela Phaliso kwiinyanga ezintathu ezizayo. Esisibini kwakufanele ukuba silwe kulenyanga ephelileyo, kodwa ayikhange yenzeke lonto ngenxa yokurhoxa kukaPhaliso emva kokonzakala

UBatyi walwa noLucky Hobyane waseMalamulele, waze wamnqumamisa kumjikelo wesibhozo e-Orient Theatre, eMonti. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php