Ukungafikeleli kwisivumelwano phakathi kwenkampu kaLerato ‘Lights Out’ Dlamini kunye neTop Rank kaBob Arum kukhokelele ekubeni lomlo usiwe kwiqashiso lokokuba ngubani na ozakubeka imali eninzi etafileni.  

UDlamini, obekwa kwindawo yesibini kudidi losiba ngaphantsi kwe-International Boxing Federation (IBF), kufanele alwe umlo wokuzibekela indawo ekulwemi nentshatsheli uLuis Lopez waseMexico. 

Kungoku nje, umqeqeshi nomphathi kaDlamini uColin ‘Nomakanjani’ Nathan sele ebhalele kusihlalo wobuntshatsheli kwi-IBF uCarlos Ortiz Junior emnika igunya lokukhweba abantu bazokukhuphisana ngokuba ngubani onokuwenza lomlo.

“Asikhange sifikelele kwisivumelwano mna neTop Rank. Ndiyixelele iTop Rank ukuba asiyamkeli lemali ebebesinika yona. Ndiyithumele incwadi kwi-IBF, ndayithumela nakwiTop Rank ndisithi makuqhutyelwe phambili ngokhuphiswano malunga nokuba ngubani na obeka imali eninzi etafileni,” utshilo uNathan. 

Ekuqaleni, uDlamini wayetyikitye isivumelwano sokulwa noTomoki ‘The Little Mexican’ Kameda eJapan kulenyanga ephelileyo. Kodwa zaguquka izinto mhla uDlamini savuma ukulwa noKhegai, ozinze eLos Angeles kwelaseMelika. 

UDlamini wabetha uKameda wase-Osaka ngamanqaku kumlo owawubanjelwe e-Ota-City General Gymnasium, eTokyo, kwelaseJapan, ngo-Okthobha kulonyaka ophelileyo. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php