UMfundo Vilakazi uchwayitile emva kokutyikitya isivumelwano sengqesho esitsha neKaizer Chiefs kude kuyophela isizini ka-2027/28. 

UVilakazi, oneminyaka elishumi elinesibhozo nongowaseSoweto, utyikitye isivumelwano esitsha neChiefs ngoLwesithathu. 

“Ndiyavuya ukuba nesivumelwano sengqesho neqela elikhulu elifana neChiefs. Ukudlalela iChiefs ibisoloko iliphupha lam ndiseselula,” utshilo uVilakazi. 

“Ndijonge ekubeni negalelo kweliqela, ndibonise umbulelo kubaphathi ngokuthemba isiphiwo sam. Ndibulela bonke abalandeli abasoloko bendithundezela ekubeni ndenze kakuhle. Ndiyathembisa soze ndibadanise.” 

Kusenjalo, umqondisi wemidlalo kwiChiefs uKaizer Motaung Junior uchwayitile sisivumelwano esitsha sikaVilakazi.

“Sivuya kakhulu ukuba sibenakho ukuqumbela oku kolulwa kwesivumelwano sengqesho. UMfundo unesiphiwo esingumangaliso, kwaye sijonge ukumbona esibonisa isiphiwo asinikwe nguThixo kwiminyaka emininzi ezayo. Konke ngoku kungokusebenza nzima kwalomfana, kwaye siyayazi ukuba uzakuzimisela,”utshilo uMotaung Junior.  

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php