INational Professional Boxing Promoters Association (NPBPA) ithabathe isigqibo sokubhena kwisigwebo senkundla ephakamileyo yoMntla Gauteng kwityala eyayilifake ngakuMphathiswa weZemidlalo uZizi Kodwa, uMphathiswa weziMali u-Enoch Godongwana, uBoxing South Africa (BSA) noMandla Ntlanganiso. 

INPBPA yaya enkundleni emva kokuba uKodwa etyumbe uNtlanganiso njengegunya eliyintloko kwaBSA. INPBPA ibifuna kubhengezwe njengokungekhomthethweni ukutyunjwa kukaNtlanganiso. 

Kwisigwebo sayo ngoLwesibini kuleveki, inkundla ifumanise ukuba iNPBPA ayinalungelo, ngokwasemthethweni, sokuthawuzisa uKodwa, uGodongwana, uBSA noNtlanganiso kwiinkundla zomthetho.  

“Ngentlonipho enkulu iNPBPA ithi iJaji ebekekileyo iphazamile kwaye iye yaphukaneka ekufumaniseni ukuba iNPBPA ayinalungelo ngokwasemthethweni ukufaka ityala ngezizathu ezininzi iNPBPA engenakuzithi pahaha okwangoku,” itshilo iNPBPA. 

“Emva kokuwujongisisa lomcimbi namagqwetha (athe anxibelelana namanye amabini akwinqwanqwa eliphezulu), ikomiti kazwelonke yeNPBPA egaibe ekubeni ibhene kwisigwebo senkundla.”

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php